iZindaba-Ditaba-News
Wednesday, 08 November 2017 10:53

UGROGRISA NGOKUNGEZI UMDLALI WE BAFANA

Umdlali wase siswini ozinzephesheya, uThulani Serero uthi akuzuza kwi nkampu yeqela lesizwe iBafana Bafana ukuba akafumani siqinisekiso sokuba uzodla ngolwesihlanu. Iqela lesizwe lizoqobisana neqela lase Senegal ngokuhlwa kwangolwesihlanu. Lomdlalo izobe ingumlenze wokuqala, owesibini uzodlalelwa eSenegela emva kwentsuku ezimbalwa. Abafana baka Baxter kunyanzelekile ukuba bayiphumelele yomibini lemidlalo ukuze babe nethuba lokuzibekela iindawo kwitume yehlabathi ezodlalelwa eRussia.

 

Umqeqeshi weliqela u Baxter uthi ngelishwa akazukwazu ukuqinisekisa uSerero indawo kuluhlu lwabadlali abalishumi elinanye abazoqala umdlalo ngoba iBafana Bafana liqela lesizwe. Kusenjalo, umdlali we Mamelodi Sundowns uHlompho Kekana uyishile inkampu emva kokushiywa lilungi losapho kwingozi yemoto. Nonozinti we Kaizer Chiefs, u Itumeleng Khune kuyathandabuzeka ukuba uzokwaz ukudlala ngenxa yomenzalo entloko.

Leave a comment

Make sure you enter all the required information, indicated by an asterisk (*). HTML code is not allowed.